Le yincwadi equlethe imibongo nezibongo zakwaXhosa. Le mibongo nezibongo zinemixholo egxile kwimiba ngemiba ebalulekileyo kwintlalo yethu yemihla ngemihla; enjengezopolitiko, ezemfundo, ezoshishino noqoqosho kwakunye namasiko nezithethe. Zikho nezijolise ekwakhiweni kwesizwe ngokuthi zikhalimele ubugwenxa bokuziphatha. Kanti ezinye zinika iziyalo nenkuthazo kulutsha lwangomso. Iimpawu zemibongo nezibongo zicacisiwe ukuxhobisa umfundi ngolwazi oluyimfuneko ekwahluleni imibongo kwizibongo. Ukulungiselela iimviwo zokuphela konyaka, le ncwadi ikwaqulathe imisebenzi yokuzivavanya, imisebenzi yohlolo olusesikweni ehamba neempendulo zayo. Ukanti le ncwadi ikwaqulethe iinkcazo zamagama antsokothileyo ukunceda umfundi ukuba ayiqonde lula imibongo kunye nezibongo. Uyonwabele!
Authors | |
---|---|
Language | |
Copyright | |
Publisher | |
ISBN | 9780190419653 |
Number Of Pages | 0 |
File Size | 3.04 mb |
Format | |
Edition | 0 |
Published | 03-10-2016 |