X-kit Achieve! Ngenxa Yesithembiso: IsiXhosa Home Language Grade 11 Study Guide ePDF (perpetual licence)

R80,00

X-kit Achieve! Uluhlu loncwadi lukunika ngokukodwa uthotho olungaqhelekanga lwezixhobo ezikumgangatho ophakamileyo zokulungiselela iimviwo. Olu luhlu lubhalwe ngawona machule kwezemfundo akumgangatho ophezulu aseMzantsi Afrika. Ezi ncwadi ziqulathe lonke ulwazi nezakhono ezithi zivavanywe kwimviwo zokugqibela zolwimi lwaseKhaya nolwimi lokuQala oLongezeleweyo kwisiGaba semfundo esiphezulu (FET).

Isakhiwo, umxholo, abalinganiswa, isimbo sokubhala, umqondiso, umfanekiso-ngqondweni, zonke zixoxwe ngokunzulu ze zafundiswa zavavanywa ngokugqibeleleyo. Ubuchule bokufunda nokulungiselela iimviwo zibandakanyiwe nemibuzo yoviwo ithiwe thaca. Iimpendulo zayo yonke imibuzo nazo zinikiwe ukuze abafundi bakwazi ukujonga umgangatho wabo wokuqonda.

Esi sikhokelo sokufundisa sinenjongo yokunika wena inkxaso eyaneleyo ukuze wenze kakuhle ezimviweni zakho zebanga-11. Esi sikhokelo siqulathe:
• Imvelaphi nolwazi olufunekayo ukuze ube nokuyiqonda ngakumbi le ncwadi ithi Ngenxa Yesithembiso
• Izishwankathelo, ukuquka izishwankathelo zenoveli ngokubanzi kunye neeenkcukacha zezahluko
• Izicatshulwa ezibalulekileyo ezinokusetyenziswa ezimviweni
• Ukucalulwa kwenoveli okunokukunceda ukuqonda isakhiwo ukuze kukhule ingqiqo nokuxabisa
• Izikhokelo ezimalunga nendima yabalinganiswa zibonakalisiwe ukuze uqonde kwamsinya, kube lula nokuzihlaziya
• Isishwankanthelo semixholo engundoqo
• Uncedo ngokubanzi lwamalungiselelo emviwo, kuquka imibuzo evavanya ulwazi lwakho, isampuli yemibuzo emifutshane neempendulo ezizeleyo
• Inkcazelo-magama ecacisa/enika ingcaciso ezeleyo ngesigama soncwadi

This eBook is in ePDF format, which enables you to:
• View the entire book offline on desktop or tablet;
• Search for and highlight text; and
• Add and edit personal notes directly in your eBook.

Authors

Language

Publisher

ISBN

9781776101344

Number Of Pages

65

File Size

4.45 mb

Format

PDF

Edition

1

Published

31-05-2016