Kweli bali kubonakaliswa ukubaluleka kokuzinikezela emsebenzini. Sifumana igqiyazana elinguZami lizifumana lijongene nemicelimngeni emininzi engalindelekanga emsebenzini walo. Lizijula ngokupheleleyo kulomsebenzi liwuphatha ngezandla ezingenamkhinkqi.
Kufundiswa ngomvuzo wokunyamezela phantsi kweemeko ezinzima nokusebenza okwetshantliziyo. Le ntwazana idibana neyona miqobo inzima kodwa indlela ethi izimisele ngayo ibonisa ukuba akukho mqobo inokuze iwuvumele ume phambi komsebenzi wayo. Kuyo yonke le nto le ntwazana ayazi okokuba le miqobo yenziwa ngabom ngabaphathi bayo ukuyivavanya ukuba ingasilungela isikhundla esingentla emsebenzini wayo sokusombulula iingxaki zemihla ngemihla kwakunye nokusebenzisana nabantu abasokolisayo nekunzima ukusebenza ngabo.
UZami uphumelela emagqabini aze afumane owona mvuzo angakhange awucinge ebomini bakhe.
This eBook is in ePDF format, which enables you to:
- View the entire book offline on desktop or tablet;
- Search for and highlight text; and
- Add and edit personal notes directly in your eBook.