Uncuthu LwesiXhosa Grade 7 Core Reader

R18,70

Lothe lisaphuma ngo-UNcuthu LwesiXhosa. Le yincwadi elandela ngqo iimfuno zeCAPS ngokwemijikelo yeeveki ezimbini, iikota zone zonyaka, ibanga nebanga. UNcuthu Lwesi- Xhosa luziincwadi ezintathu; incwadi yokufunda, eyomfundi neyesikhokelo sikatitshala. Incwadi yokufunda ixhobisa abafundi ngezakhono, ulwazi nezimvo ngokwemfundo nentlalo yala maxesha neyamandulo kwilizwe ngokubanzi. Le yomfundi inika abafundi ubuchule bokwazi ukuphulaphula nokuthetha, ukufunda nokubukela, ukubhala nokusetyenziswa kolwimi besenza imisetyenzana. Le misetyenzana bayenza ngabanye, ngababini, ngamaqela naxa bebonke. Amanqanaba onke emibuzo kwakunye neendlela abafundi abafunda ngazo zilungiselelwe. Ekatitshala yona inika isikhokelo esihambelana ncakasana nencwadi yokufunda kwanencwadi yomfundi. Utitshala usilungiselelwe isicwangciso sokufundisa kumjikelo weeveki ezimbini kwiikota zone. Imizekelo yeemviwo kwiikota zone zonyaka zihamba neememorandam zazo ngokweemfuno zeCAPS. Yonke le nto iza kwenza kube lula kutitshala ukusa umxholo kubafundi. Abafundi balungiselelwe ukugqwesa kwisiGaba esiphezulu ngokuphicotha olu Ncuthu LwesiXhosa kwesi siGaba siphakathi. Ukusetyenziswa kolwimi kufumaneka xa abafundi bephulaphule, bethetha, befunda bebukela, bebhala, kanti kukwazimele geqe ukuze utitshala akucokisise.

Authors

, , , ,

Language

Publisher

ISBN

9781430732839_1yr

Number Of Pages

105

File Size

1.67 mb

Format

EPUB

Edition

1

Published

01-07-2017