UNcuthu LwesiXhosa yincwadi equlunqwe yalungiselelwa abafundi bebanga leshumi elinambini. Le ncwadi iqhayisa ngokulandela iNkcazelo ye Polisi kaZwelonke yeKharityhulam nokuHlola, egxininisa kwizakhono ezithathu ukuphulaphula nokuthetha,ukufunda nokubukela nokubhala nokunikezela. Isakhono ngasinye sinobuchule bokusetyenziswa kolwimi. Le ncwadi iziincwadi ezimbini, incwadi yomfundi nencwadi katitshala. Incwadi yomfundi inezahluko ezilishumi eziqulethe imixholo ebalulekileyo kubomi babafundi beli xesha. Le ncwadi ilungiselelwe ukuba kube lula ukuyisebenzisa. Imisebenzi eyenziwa ngabafundi kule ncwadi ibanika ithuba lokusebenza ngeendlela ngeendlela ezahlukeneyo ezibalungiselela ukuba bamelane nentlalo yokuzimela. Incwadi yomfundi ihambelana nekatitshala. Incwadi katitshala isisikhokelo sokuba nayiphina into efundwe ngumfundi utitshala uyifundisa njani na, esongeza kumava akhe obutitshala. Kuyo yonke imisetyenzana enikiweyo zikho iimpendulo ezilindelekileyo. Utitshala nabafundi balindeleke ukuba bongeze olwabo ulwazi okanye benze uphando ngomxholo ngamnye abafunda ngawo kule ncwadi.
Uncuthu LwesiXhosa Grade 12 Teachers Guide
R30,96
Authors | |
---|---|
Language | |
Copyright | |
Publisher | |
ISBN | 9781430733294_1yr |
Number Of Pages | 237 |
File Size | 3.49 mb |
Format | |
Edition | 1 |