Ubuhlobo bukaZazi noLili

R77,35

UZazi yintombazana ebuthandayo ubomi. Uthanda abantu yaye uhlala onwabile ngalo lonke ixesha. Kodwa kukhona le nto imhluphayo ƒ?? umzimba wakhe. Into emvisa ubuhlungu kakhulu kukuhlala esisigculelo sentsini esikolweni. Akakho umfundi ofuna ukuba ngumhlobo wakhe, kangangokuba ugqibela engenaye umhlobo angammema ethekweni lakhe lokuzalwa. Kodwa ayinguye yedwa osisigculelo sentsini esikolweni. ULili yintombazana eyahlukileyo kwabanye abantwana. Ubizwa ngenkawu esikolweni ngenxa yolusu lwakhe olwahlukileyo. Uhlala nonina kumatyotyombe angekho mgangathweni uphezulu. Uhlala ethwele umnqwazi yaye efake izibuko zamehlo. Le nto imenza ahlekwe nangakumbi esikolweni. Ingaba uZazi noLili baza kugqibela benze njani ukuze bathandwe yaye bamkelwe ngabanye abantwana? Ingaba uZazi uza kugqibela enabo abahlobo aza kubamema kwitheko lakhe lokuzalwa? Khawuzivele ngokwakho mlesi! Zazi is a bubbly, happy girl who loves life and people. There is only one thing that worries her and makes her sad – her chubby, plump body. No one wants to be her friend at school because of this. Another girl at the same school, Lili, is continuously teased and does not have friends because she is an albino. What will Zazi and Lili do in order to make friends and be accepted by all the children at school?

Authors

Language

Publisher

ISBN

9780190722623

Number Of Pages

0

File Size

2.38 mb

Format

PDF

Edition

0

Published

30-09-2017