Singcamla Ingqaka 8 teachers guide

R70,00

USingcamla Ingqaka yincwadi equlunqwe yalungiselelwa abafundi bezigaba eziphakathi kwesesi-7 ukuya kwese-9. Le ncwadi izingca ngokulandela iNkcazelo kaZwelonke yeKharithyulam nokuhlola yesigaba se-7 –9 IsiXhosa uLwimi LwaseKhaya. Iphuhlisa ngokupheleleyo ezi zakhono zilandelayo:- · Isakhono sokuphulaphula nokuthetha. · Isakhono sokufunda nokubukela. · Isakhono sokubhala nokunikezela. · Isakhono sokusetyenziswa kolwimi Ezi ncwadi zilungele ukusetyenziswa kwizikolo zonke zoMzantsi Afrika ezenza isiXhosa ULwimi Lwasekhaya. Indlela ebhalwe ngayo yenza kube lula nakubazali ukuba bancedisane nabantwana babo ekuqondeni nasekukhuseleni isiXhosa ukuba singabhangi. Ezi ncwadi zinoluhlu lweencwadi eziwela phantsi kwazo eziphuhlisa omakufundiswe kwibanga ngalinye, ekuzezi zilandelayo:- · Incwadi yomfundi · Incwadi katitshala · Incwadi yokufunda enezintlobo zoncwadi – iitsomi, amabalana, imidlalwana nenoveli ehamba yodwa. Lonke olu luhlu lweencwadi lusebenza ngaxesha nye. Izahluko neeveki zixeliwe apho uya kuthi ufumane khona indawana ezihambelanayo. Incwadi yomfundi ineengcaciso enazo ngalo lonke ulwazi ekumelwe lufundwe ngesiqendu ngasinye esenziwa ngeeveki ezimbini. Kukho iziqendu ezintlanu kwikota nganye. Kukho nolwazi olungundoqo olunikiweyo olucacisa ngokupheleleyo oko kufundwayo. Kukho nemizekelo yohlolo enikiweyo. Abafundi banikwe nemizekelo yobhalo ngalunye abamelwe kukulwazi, umzekelo idayari, ingxelo, isibhengezo njalo njalo. Incwadi katitshala iqulethe isikhokhelo sokuba ungasifundisa usihlole njani isifundo esithile. Kukwakho neempendulo zemibuzo ebuzwe abafundi. Konke oku kwenziwe ngokweemfuno ze “National Policy pertaining to the Programme and Promotion Requirements for the National Curriculum Statement Grades R-12 kunye ne”National Protocol for Assessment Grades R -12.” Incwadi yokufunda kulapho unikwe imizekelo yoncwadi njengoko idwelisiwe kwiNkcazelo kaZwelonke yeKharithyulam nokuhlola yebanga 7 –9 IsiXhosa uLwimi LwaseKhaya. Kukho neentlobo ngeentlobo zemibuzo ekupheleni koluncwadi ngalunye olukhoyo ukuze abafundi bakwazi ukuzilinga ngayo. Ethembeni lokuba nakungcamla nongeze kulwazi olulapha ukugcina isiXhosa sisulungekile. Ngxasho ke Mawethu!!!

Authors

, , ,

Language

Publisher

ISBN

9781430739135

Number Of Pages

243

File Size

2.01 mb

Format

PDF

Edition

1

Published

07-01-2013