Incwadi uMasincokole ngesiXhosa yincwadi esisikhokelo nesisalathiso segrama nokusetyenziswa kolwimi lwesiXhosa, nebhalwe ngeenjongo zokufundisa abafundi abantetho yasekhaya ingesiso isiXhosa. Ukanti ke, nabo bafundi bantetho isisiXhosa bangakhange basifunde esikolweni isiXhosa, bangafunda lukhulu ngolwimi lwesiXhosa kule ncwadi. Le ncwadi ibhalwe ngabathandi besiXhosa idandalazisa elubala imbali ethile ngolwimi lwesiXhosa, ubukhosi, indima yamanina kwintlalo kaXhosa neyobuAfrika, kodwa eyona ngxam yayo iqulethe imixholwana yokufundisa nokufundwa kolwimi lwesiXhosa ngokwamanqanaba andindeneyo nayondelelanayo. UMasincokole ngesiXhosa ubhalwe ngeenjongo zokuxhobisa abafundi ngezakhono zokuthetha isiXhosa besukela kulwimi olusisiseko, ukuze ethubeni kuvele abafundi abaluthetha ngokukhululekileyo ulwimi, babe benolwazi oluphangaleleyo ngembali, imvelaphi, izithethe, amasiko, imikhwa kwanentlalo yabantu abangamaXhosa. Le ncwadi inemixholo eyahlukeneyo yokuncokola nokunxibelelana ngesiXhosa kwanemisetyenzana ejolise ekukhuthazeni abafundi ekubeni basebenzise izakhono zokucinga, ukuthetha, ukuphulaphula, ukufunda nokubhala ngesiXhosa. UMasincokole ngesiXhosa ukwabhalwe ngohlobo olukhuthaza abafundi ekufundeni ulwimi nenkcubeko eyahlukileyo benomdla nothakazelelo, kusetyenziswa ulwimi olufikelelekayo, kwaze kwanongwa nangamathuba okubizelwa kwamagama nezandi, izicengcelezo neengoma. Khaninambithe kubuncwane bolwimi lwesiXhosa bantwana beAfrika!
Masincokole ngesiXhosa
R168,70
Authors | |
---|---|
Language | |
Copyright | |
Publisher | |
ISBN | 9781998963683 |
Number Of Pages | 114 |
File Size | 0.79 mb |
Format | |
Edition | 1 |
Published | 27-03-2024 |