IsiChazimagama seSayensi neTeknoloji

R256,52

IsiChazimagama seSayensi neTeknoloji sesiXhosa sakwaCambridge sisixhobo esisisalathisi-nkcazelo ukuxhasa abafundi bezikolo zamabanga aphezulu ukuze baziqonde ikhonsepthi zesayensi nezeteknoloji. Esi sisichazimagama esisebenzisa iilwimi ezimbini isiXhosa/nesiNgesi, yaye sinaso sonke isigama esifunekayo kwinqanaba lamabanga aphakathi naphezulu kwikharityhula yesayensi neyeteknoloji kwaye sibhalwe ngolwimi olucacileyo nekulula ukuluqonda. Iinkcazelo zamagama kunye neekhonsepthi zesayensi nezeteknoloji zicacisiwe, kusetyenziswa imizekelo eqhelekileyo, imifanekiso, iidayagram neefothografu, ezikhuthaza ukufunda nokuqonda. Kukwafakwe amagama neekhonsepthi ezintsha eziya kwandisa ulwazi lwabafundi besayensi neteknoloji abanomdla kule nkalo. IsiChazimagama seSayensi neTeknoloji sesiXhosa sakwaCambridge, singasetyenziswa njengesichazimagama esisisalathisi-nkcazelo kwananjengesixhobo sokuhlaziya. Enye into eyongeziweyo efakiweyo yimixholo emifutshane enemifanekiso yezihloko ezinika umdla zesayensi okanye zeteknoloji kunobumba ngamnye wealfabhethi. Kukwafakwe nesalathisi-nkcazelo sesigama sesiXhosa, esilandelelaniswe ngokwealfabethi esihambelana nesigama sesiNgesi ecaleni kwaso, kwaye siya kuphucula amava abafundi abalwimi lwabo lweenkobe lusisiXhosa.

Authors

Language

Publisher

ISBN

9781009367943

Number Of Pages

0

File Size

36.82 mb

Format

EPUB

Edition

1

Published

01-11-2022