Ubuhle bukaThantaswa buphithanisa intloko kaMsindisi besaqala nje ukudibana, ukanti ubutyebi bukaMsindisi bubo obenza uThantaswa azibone engena emtshatweni nomntu angamthandiyo. Into esingayaziyo esi sibini kukuba ubuhle bukaThantaswa abuyiyo yonke into engundoqo emtshatweni wabo. Ukanti nemali kaMsindisi lisango lenkohlakalo entliziyweni kaThantaswa. Nanko uMsindisi esifa, ebulawa sisandla sikaThantaswa kuba kakade uthando yinto engakhange ibe khona kule mbelukazi. Ilifa ebecinga ukuba uThantaswa uzakulifumana akuba ebulele indoda yakhe libonakala liziinkwenkwezi kuye, nto leyo eyenza ukuba azisube umphefumlo akuba ezame ukusuba imiphefumlo yabaninzi. Asinakulibalisa lonke ke mlesi, zifundele ngokwakho.
Inkawu idliw’ilila
R84,30
Authors | |
---|---|
Language | |
Copyright | |
Publisher | |
ISBN | 9780190419660 |
Number Of Pages | 0 |
File Size | 9.42 mb |
Format | EPUB |
Edition | 0 |
Published | 03-10-2016 |