Lothe lisaphuma ngo-UNcuthu LwesiXhosa. Le yincwadi elandela ngqo iimfuno zeCAPS ngokwemijikelo yeeveki ezimbini, iikota zone zonyaka, ibanga nebanga. UNcuthu Lwesi- Xhosa luziincwadi ezintathu; incwadi yokufunda, eyomfundi neyesikhokelo sikatitshala.
Incwadi yokufunda ixhobisa abafundi ngezakhono, ulwazi nezimvo ngokwemfundo nentlalo yala maxesha neyamandulo kwilizwe ngokubanzi. Le yomfundi inika abafundi ubuchule bokwazi ukuphulaphula nokuthetha, ukufunda nokubukela, ukubhala nokusetyenziswa kol- wimi besenza imisetyenzana. Le misetyenzana bayenza ngabanye, ngababini, ngamaqela naxa bebonke. Amanqanaba onke emibuzo kwakunye neendlela abafundi abafunda ngazo zilungiselelwe.
Ekatitshala yona inika isikhokelo esihambelana ncakasana nencwadi yokufunda kwanencwa- di yomfundi. Utitshala usilungiselelwe isicwangciso sokufundisa kumjikelo weeveki ezim- bini kwiikota zone. Imizekelo yeemviwo kwiikota zone zonyaka zihamba neememorandam zazo ngokweemfuno zeCAPS. Yonke le nto iza kwenza kube lula kutitshala ukusa umxholo kubafundi.
Abafundi balungiselelwe ukugqwesa kwisiGaba esiphezulu ngokuphicotha olu Ncuthu LwesiXhosa kwesi siGaba siphakathi. Ukusetyenziswa kolwimi kufumaneka xa abafundi be-
phulaphule, bethetha, befunda bebukela, bebhala, kanti kukwazimele geqe ukuze utitshala
akucokisise.
Uncuthu LwesiXhosa Grade 9 Core Reader
R51,57
Authors | B. Majerman, K.N. Qamata, N.N.N. Swartbooi, S. Fihla, Z. Swana |
---|---|
Language | |
Copyright | |
Publisher | |
ISBN | 9781430732914 |
Number Of Pages | 155 |
File Size | 2.84 mb |
Format | EPUB |
Edition | 1 |
Published | 01-07-2017 |