Isixhosa (Hl) Grade 7 Novel – Ithamasanqa Elingaka! Library

R27,03

Le novelana iqulethe ibalana lekhaya elibonakala lilikhaya elonwabileyo nelinenkqubo efanayo namakhaya amaninzi anosapho. Umahlukwana nje oye walenza labonakala ilikhaya elinika umdla kulowo ufunda ibali, kukusuka libe nomntwana ofumaniseke ezikisa ukucinga ngokwendlela azijonga ngayo izinto. Oku kubonakale ngokuthi le ntombazanana isuke ibe nesisa sokunqwenela ukuba umhlobo wayo oyinkedama kagawulayo, kunye nabantakwabo, bafumane ukuphila kakuhle ekugqibeleni njengayo, ngokuthi bazokuba ngabantakwabo kwelo khaya layo. lthamsanqa elikhulu ke ibe lelokuba nabazali bayo basuke basamkele ngezandla ezishushu esi sicelo sentombi yabo, ukuze umhlobo wentombi yabo aphile ubomi obufanayo nobabanye abantwana, ngokuthi angahlukaniswa nabantakwayo. Eli bali liphela linemfundiso eliyityalayo kubo abo baziinkedama, leyo ibonisa ukuba maxa wambi izinto ezibuhlungu ziyehla kuthi, kanti ekugqibeleni kuya kulandela ukusulwa kweenyembezi. Ngokwenene bonke aba bantwana yaphumezeka iminqweno yabo, laphela ibali bezizinto ezinkulu ezinezidanga ezininzi zemfundo yasedyunivesithi.

Authors

Language

Publisher

ISBN

9780796046840

Number Of Pages

0

File Size

14.91 mb

Format

PDF

Edition

1

Published

01-10-2017