Isixhosa Ngumdiliya Grade 11 Teacher’s Guide Lifetime License

R83,85

lincwadi zika – lsiXhosa Ngumdiliya luluhlu lweencwadi zolwimi lwesiXhosa esele kukudala zikho ezikolweni, kodwa ngoku zivela sele zibhalwe ngokutsha ngokomgaqo we-CAPS wokufundisa eziklasini, nopasiswe kutsha nje liSebe lezeMfundoyeli lizwe. Ezi ncwadi zisuka kumabanga asezantsi e-Foundation Phase, awe-Intermediate Phase, nawe-Senior Phase. Kuzo zonke ezi klasi zinyuka ezi ncwadi sele ziqulunqwe ngokwalo mgaqo mtsha. Ezi ncwadi ziqulunqwe zanencwadi yabafundi enemisetyenzana kwakunye nencwadi katitshala. nnOkuqulathwe ngaphakathi kwezi ncwadi kucwangciswe kakuhle ngohlobo oluhlangabezana nomfundi kwinkqubo yokufunda eklasini eqhuba ngokwamanqanaba. Zonke izifundo ziqulunqwe phantsi kwezi zakhono zilandelayo, Ukuphulaphula nokuthetha, Ukufunda nokubukela, Ukubhala nokunikezela, ngelixa imiba yegrama nolwimi ithe ngcembe ukuxovulwa ngelixa ziqhubeka ezi zakhono. Khumbula kaloku ukuba imiba yegrama nolwimi asisiso isifundo esima sithi geqe sodwa, koko siqhubeka sivela ngelixa ziqhubeka izifundo kwiklasi yakho. nnEzi ncwadi zilungiselele abo bakwizinga eliphantsi kwizifundo zabo zokuqaphela imiba yolwimi, kanti nabo bakwihlelo eliphakathi ngokwezinga lokuqonda, nabaqonda nangakumbi kwizifundo zabo zolwimi ezilungele eli banga. Lilonke, ezi ncwadi zilungiselelwe ukuze zifikeleleke kuzo zonke iindidi zabafundi. Kungoko zicwangciswe ngohlobo lokuba yonke into icace gca ukuze kube lula kutitshala ukuyisebenzisa kwiklasi yakhe. lnkcazelo yemiba efuna ingcaciso engaphezulu iyafumaneka ilungisiwe yabekwa ngobunono phaya kwincwadi katitshala. nnEzi ncwadi ziqulunqwe zalungiswa ngohlobo lokuba ziquke bonke abafundi abakwibanga le-11, zingabi namkhethe. lmisetyenzana ichazwe ngokulula, maxa wambi ikhatshwa yimizekelo, ukuze kube lula ukuyenza. Kukwakho novavanyo olwenziwa ekupheleni komxholo ngamnye ukuqinisekisa ukuba abafundi bakuqondile oko bebefunda ngako, nokuqinisekisa ukuba ikho inkqubela-phambili kwizifundo. Zonke iimpendulo zovavanyo ziyafumaneka kwincwadi katitshala ukuze imxhase kangangoko ngethuba eqhuba izifundo kwiklasi yakhe. Yonwabele ke mfundi nawe titshala, ukuze niphuhliseke nangakumbi kubuchule bokulandela ulwimi lwenu, isiXhosa.

Authors

,

Language

Publisher

ISBN

9780796045959

Number Of Pages

0

File Size

4.40 mb

Format

PDF

Edition

1

Published

01-10-2017